Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 22:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu.

7. Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.

8. Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa.

9. Weza ke uShafan umbhali kukumkani, wambuyisela ilizwi ukumkani, wathi, Bayikhuphéle abakhonzi bakho imali eyafumanekayo endlwini, bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi abayikhangelayo indlu kaYehova.

10. Waxela ke uShefan umbhali kukumkani, esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.

11. Kwathi, akuweva ukumkani amazwi encwadi yomyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.

12. Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya umbingeleli, noAhikam unyana kaShafan, noAkebhore unyana kaMikaya, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,

13. Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.

14. Waya ke uHilekiya umbingeleli, noAhikam, noAkebhore, noShafan, noAsaya, kuHulda umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikva, unyana kaHar-hase, umgcini-ngubo (waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo), bathetha naye.

15. Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,

16. Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyizisela ububi le ndawo nabemi bayo, onke amazwi encwadi ayilesileyo ukumkani wakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 22