Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 22:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waxela ke uShefan umbhali kukumkani, esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.

11. Kwathi, akuweva ukumkani amazwi encwadi yomyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.

12. Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya umbingeleli, noAhikam unyana kaShafan, noAkebhore unyana kaMikaya, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,

13. Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.

14. Waya ke uHilekiya umbingeleli, noAhikam, noAkebhore, noShafan, noAsaya, kuHulda umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikva, unyana kaHar-hase, umgcini-ngubo (waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo), bathetha naye.

15. Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,

16. Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyizisela ububi le ndawo nabemi bayo, onke amazwi encwadi ayilesileyo ukumkani wakwaYuda.

17. Ngethuba lokuba bendishiyile mna, baqhumisela thixweni bambi, ukuba bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo, yothi le ndawo ibaselwe ubushushu bam, bungàcinywa.

18. Ke kukumkani wakwaYuda onithume ukubuzisa kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi:

19. Okwala mazwi uwavileyo, ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wazithoba phambi koYehova, ekukuveni kwakho endikuthethileyo ngale ndawo, nangabemi bayo, ukuba beya kuba ziimpanza nesiqalekiso, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam, nam ndikuvile; utsho uYehova.

20. Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo.Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 22