Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 22:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYedida, intombi ka-Adaya waseBhotsekati.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela yonke kaDavide uyise; akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.

3. Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi,

4. Nyuka uye kuHilekiya umbingeleli omkhulu, ayilungise imali ezisiweyo endlwini kaYehova, abayihlanganisileyo abagcini-mnyango ebantwini.

5. Mabayinikele esandleni sabenzi bomsebenzi, abayikhangelayo indlu kaYehova, bayinikele kubenzi bomsebenzi osendlwini kaYehova, zitywinwe iintanda zendlu;

6. bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu.

7. Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.

8. Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa.

9. Weza ke uShafan umbhali kukumkani, wambuyisela ilizwi ukumkani, wathi, Bayikhuphéle abakhonzi bakho imali eyafumanekayo endlwini, bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi abayikhangelayo indlu kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 22