Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 21:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. ngenxa enokuba benzé okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.

16. Kananjalo igazi elimsulwa úliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.

17. Ezinye izinto zikaManase, nako konke awakwenzayo, nesono sakhe awonayo ngazo, asibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

18. Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza. UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

19. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.

20. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise.

21. Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.

22. Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela keYehova.

23. Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe.

24. Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

25. Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 21