Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 21:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathetha uYehova ngabakhonzi bakhe abaprofeti, esithi,

11. Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo:

12. ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo.

13. Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke.

14. Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;

15. ngenxa enokuba benzé okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 21