Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 20:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba ùya kufa wena, akuyi kuphila.

2. Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi,

3. Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambé phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.

4. Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

5. Buya uye kuthi kuHezekiya, ingànga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova;

6. ndongèze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlàngule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.

7. Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.

8. Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?

9. Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba úya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi síhambe na izinyuko ezilishumi, síbuye na izinyuko ezilishumi?

10. Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.

11. UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 20