Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhla úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.