Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:34-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam?

35. Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?

36. Bathi tu abantu, àbamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli.

37. Beza ke ooEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18