Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:18-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

19. Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?

20. Ùthi (ùthetha into yomlomo wodwa), ùneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholosé ngabani na, ugwilike kum nje?

21. Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Únjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.

22. Ke ukuba nithi kum, Sikholosé ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Àsinguye na lo uzigánga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18