Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalékile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.

17. Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo.

18. Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

19. Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?

20. Ùthi (ùthetha into yomlomo wodwa), ùneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholosé ngabani na, ugwilike kum nje?

21. Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Únjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.

22. Ke ukuba nithi kum, Sikholosé ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Àsinguye na lo uzigánga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha?

23. Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya: ndokunika amawaka amabini amashashe, ukuba ùnako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo.

24. Wòthini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose nje ngeYiputa ngeenqwelo zokulwa, nangabamahashe?

25. Ngokunje ndinyuké ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe.

26. Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram,* kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.

27. Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Àsikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

28. Wema uRabheshake, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngesiYuda, wathetha, wathi, Yivani ilizwi lokumkani omkhulu, lokumkani waseAsiriya:

29. úthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula esandleni sam.

30. Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.

31. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18