Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesiné wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha.

14. UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere,* namashumi omathathu eetalente zegolide.*

15. UHezekiya wamnika yonke isilivere eyafunyanwa endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani.

16. Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalékile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.

17. Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo.

18. Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

19. Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?

20. Ùthi (ùthetha into yomlomo wodwa), ùneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholosé ngabani na, ugwilike kum nje?

21. Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Únjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.

22. Ke ukuba nithi kum, Sikholosé ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Àsinguye na lo uzigánga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha?

23. Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya: ndokunika amawaka amabini amashashe, ukuba ùnako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo.

24. Wòthini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose nje ngeYiputa ngeenqwelo zokulwa, nangabamahashe?

25. Ngokunje ndinyuké ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18