Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 17:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. bahamba emimiselweni yeentlanga, ebezigqogqe uYehova ebusweni boonyana bakaSirayeli, nakweyookumkani bakwaSirayeli, ababeyenzile.

9. Oonyana bakaSirayeli benza ngasese izinto ezingezizo kuYehova uThixo wabo, bazakhela izigánga emizini yabo yonke, kwathabathela kwinqaba yababoniseli kwesa kumzi onqatyisiweyo.

10. Bazimisela izimiso zamatye nooAshera* ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;

11. baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;

12. bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.

13. Waqononondisa uYehova kwaSirayeli nakwaYuda, ngabaprofeti bonke, iimboni ngeemboni, esithi, Buyani ezindleleni zenu ezimbi, nigcine imithetho yam, imimiselo yam, ngokomyalelo wonke endawumisela ooyihlo, endawuthumela kuni ngesandla sabakhonzi bam abaprofeti.

14. Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.

15. Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.

16. Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali.*

17. Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise.

18. UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 17