Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 17:19-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.

20. Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.

21. Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.

22. Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo àbatyeka kuzo,

23. wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.

24. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.

25. Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, àbamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.

26. Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, Iintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, àzilazi isiko loThixo weli lizwe; úzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.

27. Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.

28. Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.

29. Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zezigánga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.

30. Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti*, amadoda aseKuti enza uNeregale;* amadoda aseHamati enza uAshima;*

31. awaseAya enza uNibhehas* noTartake;* awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.

32. Ebemoyika noYehova; azenzela eluntwini lonke ababingeleli bezigánga, ábabenzela amadini ezindlwini zezigánga.

33. UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo.

34. Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.

35. Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;

36. nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;

37. imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;

38. umnqophiso endawenza nani, ningawulibali wona, ningoyiki thixo bambi.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 17