Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 17:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.

19. KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.

20. Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.

21. Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.

22. Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo àbatyeka kuzo,

23. wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.

24. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.

25. Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, àbamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.

26. Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, Iintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, àzilazi isiko loThixo weli lizwe; úzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.

27. Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.

28. Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.

29. Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zezigánga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 17