Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 16:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wenza ke u-Uriya umbingeleli njengako konke awamwisela umthetho ngako ukumkani uAhazi.

17. Ukumkani uAhazi waziqhawula iipanele* zeenqwelwana, wazisusa kuzo iingqayi; waluthula ulwandle ezinkomeni zobhedu, ezibe zingaphantsi kwalo, walubeka phezu kwesiseko samatye.

18. Igumbi elisithelisiweyo lesabatha, ababelakhé ngasendlwini, nendawo yokungena ukumkani ebingaphandle, wayishenxisela endlwini kaYehova, ngenxa yokumkani waseAsiriya.

19. Ezinye izinto zika-Ahazi awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

20. Walala uAhazi kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; waba ngukumkani uHezekiya unyana wakhe esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 16