Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 15:31-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

32. Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda.

33. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki.

34. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise.

35. Kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.

36. Ezinye izinto zikaYotam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

37. Ngaloo mihla waqala uYehova ukuthumela kwaYuda uRetsin, ukumkani wakwa-Aram,* noPeka unyana kaRemaliya.

38. Walala uYotam kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 15