Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 15:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.

19. Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente* zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe.

20. UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele* zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.

21. Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

22. Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

23. Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini.

24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25. UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

26. Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

27. Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini.

28. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

29. Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabása eAsiriya.

30. UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 15