Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 15:17-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.

18. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.

19. Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente* zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe.

20. UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele* zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.

21. Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

22. Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

23. Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini.

24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25. UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

26. Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

27. Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini.

28. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

29. Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabása eAsiriya.

30. UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.

31. Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

32. Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda.

33. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 15