Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 13:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.

3. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram,* nasesandleni sikaBhenhadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.

4. UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.

5. (UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;

6. nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera* wayesemi kwaSamari.)

7. Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.

8. Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

9. Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari. UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

10. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe kaYowashe ukumkani wakwaYuda, uYehohashe unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wamaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinamithandathu.

11. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; wasuka wahamba kuzo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 13