Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 12:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Babengabalelani namadoda, ababeyinikela ezandleni zawo imali leyo, ukuba ahlawule abenzi bomsebenzi; ngokuba abesebenza enyanisekile.

16. Ke imali yedini letyala, nemali yelesono, ibingàziswa endlwini kaYehova; yaba yeyababingeleli.

17. Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram* wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem.

18. Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem.

19. Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

20. Basuka abakhonzi bakhe baceba icebo, bambulala uYowashe endlwini yaseMilo, ekuyiweni eSila.

21. UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 12