Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 11:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani.

2. Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawáyo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angàbulawa.

3. Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe.

4. Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathethelimakhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazìsa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqohiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.

5. Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza: Isahlulo sesithathu kuni, bangénayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani;

6. esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.

7. Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;

8. nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.

9. Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angénayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.

10. Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.

11. Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 11