Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 10:8-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.

9. Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?

10. Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.

11. UYehu wababulala bonke abaseleyo bendlu ka-Ahabhi eYizereli, nezikhulu zakhe zonke, nabazana naye, nababingeleli bakhe, kwada akwasala kuye namnye usindileyo.

12. Wesuka wemka, waya kwaSamari; kwathi, uYehu lowo esendlwini yokucheba yabalusi, endleleni,

13. wafumanana nabazalwana baka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Bathi, Singabazalwana baka-Ahaziya; siyehla, siya kubulisa oonyana bokumkani noonyana benkosikazi.

14. Wathi, Babambeni behleli. Bababamba behleli, babasika ngasemhadini wendlu yokucheba; babengamadoda angamashumi omané anamabini; akasalisa mntu kubo.

15. Uthe akunduluka khona, wafumanana noYehonadabhi unyana kaRekabhi, emkhawulela; wambulisa, wathi kuye, Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho? Wathi uYehonadabhi, Injalo. Wathi, Ukuba injalo ke, ethe isandla sakho. Wamnika isandla sakhe. Wamnyusa wamkhwelisa enqwelweni.

16. Wathi, Hamba nam, ubone ikhwele lam ngenxa kaYehova. Bamkhwelisa ke naye enqwelweni yakhe.

17. Weza kwaSamari, wababulala bonke abaseleyo kuAhabhi kwaSamari, wada wamtshabalalisa ngokwelizwi likaYehova, abelithethile kuEliya.

18. UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali,* uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.

19. Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe àbabakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.

20. Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.

21. UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.

22. Wathi kumphathi wendlu yeengubo, Barholeleni bonke abakhonzi bakaBhahali iingubo; wabarholela ke iingubo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 10