Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 10:28-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;

29. kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.

30. Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesiné baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.

31. Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.

32. Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,

33. wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.

34. Ezinye izinto zikaYehu, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe bonke, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

35. UYehu walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari. UYehowahazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

36. Imihla uYehu awaba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, yaba yiminyaka emashumi mabini anesibhozo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 10