Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 10:24-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Bangena ke, baya kwenza imibingelelo namadini anyukayo.UYehu wayezimisele ngaphandle amashumi osibhozo amadoda, wathi, Indoda ethe yasindisa umntu kula madoda, ndiwazisileyo ezandleni zenu, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo walowo usindileyo.

25. Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele; zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi.

26. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali, zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa;

27. zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.

28. UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;

29. kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 10