Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 10:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nomzi onqatyisiweyo, nezikrweqe;

3. khangelani oyena ufanelekileyo, othe tye, koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni yoyise, niyilwele indlu yenkosi yenu.

4. Boyika kakhulu kunene, bathi, Yabonani, ookumkani bebabini abemanga phambi kwakhe; sothini na ukumisa thina?

5. Bathuma ophethe indlu, nophethe umzi, namadoda amakhulu, nabondli, kuYehu, bathi, Singabakhonzi bakho; konke oya kukuthetha kuthi, sokwenza; asiyi kumisa mntu abe ngukumkani; yenza ngokubona kwakho.

6. Wababhalela eyesibini incwadi, esithi, Ukuba ningakum, niphulaphula izwi lam, thabathani iintloko zamadoda angoonyana benkosi yenu, nizizise kum eYizereli eli xa ngomso.Ke, oonyana bokumkani, bengamashumi asixhenxe amadoda, babekwizikhulu zomzi, ezibe zibakhulisa.

7. Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.

8. Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.

9. Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?

10. Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 10