Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 1:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi.

2. UAhaziya wawa efestileni yegumbi lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.

3. Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahalizebhubhi, uthixo wase-Ekron?

4. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya.

5. Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye?

6. Bathi kuye, Kunyuké indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.

7. Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni?

8. Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi.

9. Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, úthe ukumkani, Yihla.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 1