Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 9:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ethe shinyi; isilivere ibingento yakwanto ngemihla kaSolomon.

21. Ngokuba ukumkani ubeneenqanawa eziya eTarshishe ndawonye nabakhonzi bakaHiram; zeza kanye ngeminyaka emithathu iinqanawa ezo zaseTarshishe, zithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.

22. Wakhula ke ukumkani uSolomon ngaphezu kookumkani bonke bomhlaba ngobutyebi nangobulumko.

23. Bonke ookumkani bomhlaba bafuna ubuso bukaSolomon, ukuba beve ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.

24. Bazìsa elowo umnikelo wakhe, iimpahla zesilivere neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.

25. USolomon wayenamawaka amané emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo; wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.

26. Ubelawula ookumkani bonke, ethabathela kuwo uMlambo,* azise ezweni lamaFilisti, ezisa nasemdeni waseYiputa.

27. Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare* wayenza yanjengemithombe esezihlanjeni, ukuba mininzi.

28. Bazìsa kuSolomon amahashe evela eYiputa, evela emazweni onke.

29. Ezinye izinto zikaSolomon, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaNatan umprofeti, naseziprofetweni zika-Ahiya waseShilo, nasemibonweni kaIdo imboni, ngoYarobheham unyana kaNebhati?

30. USolomon wayengukumkani kumaSirayeli onke eYerusalem iminyaka emashumi mané.

31. USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 9