Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 7:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. bathoba ke abantu bam, ábabizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilse ilizwe labo.

15. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.

16. Kuba ngoku ndiyinyule, ndayingcwalisa le ndlu, ukuba libe kuyo igama lam kude kuse ephakadeni, abe khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.

17. Wena ke, ukuba ùthe wahamba phambi kwam, njengoko wáhamba ngako uDavide uyihlo, ukuba ukwenze konke endikumiseleyo, uyigcine imimiselo yam, namasiko am:

18. ndoyimisa itrone yobukumkani bakho, njengoko ndamenzela umnqophiso ngako uDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda yakulawula kwaSirayeli.

19. Ke, ukuba nithe nabuya umva, nayilahla imimiselo yam nemithetho yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula:

20. ndobanyothula emhlabeni wam endibanike wona. Nale ndlu, ndìyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze umzekeliso nento yentsini phakathi kwezizwe zonke.

21. Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?

22. Bathi ke, Kungenxa enokuba bamshiyayo uYehova uThixo wooyise, owabakhupha ezweni lamaYiputa, babambelela thixweni bambi, babanqula, bakhonza bona; kungenxa yoko wabuzìsayo bonke obu bubi phezu kwabo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 7