Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.