Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 6:34-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:

35. yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.

36. Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babása ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;

37. baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;

38. babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kuló mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:

39. yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.

40. Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.

41. Kaloku, Yehova Thixo, phakamela endaweni yokuphumla kwakho, wena netyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo, mabambathe usindiso, abakho benceba bavuye ngokulungileyo.

42. Yehova, Thixo, musa ukumlandulela umthanjiswa wakho; khumbula iinceba owazithembisa uDavide, umkhonzi wakho.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 6