Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 6:33-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.

34. Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:

35. yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.

36. Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babása ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;

37. baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;

38. babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kuló mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:

39. yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.

40. Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 6