Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 6:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni.

2. Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade.

3. Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema.

4. Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,

5. Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mziezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yingànga yabantu bam amaSirayeli;

6. ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.

7. Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukulakhela indlu igama likaYehova, uThixo kaSirayeli.

8. Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;

9. noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.

10. Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;

11. ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 6