Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 5:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya, bayinyusa ityeya,

5. nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi.

6. Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.

7. Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi;*

8. ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.

9. Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda, zivelile etyeyeni phambi kwendawo yezihlabo, àzabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 5