Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 4:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. iintsika zombini, neembumba, neengqukuva ezibe zisemantloko eentsika zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva, ezibe zisemantloko eentsika;

13. neerharnate ezimakhulu mané zeminatha yomibini; yamibini imikrozo yeerharnate mnatheni mnye, yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni zombini.

14. Wenza iinqwelwana; wenza nezitya zokuhlambela ezinqwelwaneni.

15. Ulwandle lwalunye, lwaneenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kwalo.

16. Neembiza, nemihlakulwana, neefolokhwe, ezo mpahla ke zonke inkunkqele uHuram wazenzela uSolomon, zizezendlu kaYehova, ngobhedu olukhazimlisiweyo.

17. Ukumkani wazityhidela kummandla waseYordan emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTseredata.

18. Wazenza uSolomon zonke ezo mpahla, zaninzi kakhulu; bada ubunzima bobhedu olo ababa nakufunyanwa.

19. Wazenza uSolomon zonke iimpahla zendlu kaThixo, nesibingelelo segolide, neetafile ebe zinezonka zokubonisa,

20. neziphatho ezinezibane zazo, ngegolide ethe shinyi, ukuze zivuthe ngokwesiko phambi kwendawo yezihlabo;

21. neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, yona iyigolide eyonke;

22. nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi. Umnyango ke wendlu, iingcango zawo ezingaphakathi zengcwele kangcwele, neengcango zendlu yetempile, zaba zezegolide.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 4