Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 4:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wenza isibingelelo sobhedu: baziikubhite* ezimashumi mabini ubude baso, baziikubhite ezimashumi mabini ububanzi baso, kwaziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.

2. Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini, uye kolunye udini lwalo; lwayinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; waziikubhite ezimashumi mathathu umtya ojikeleyo kulo ngeenxa zonke.

3. Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo.

4. Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi.

5. Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate* ezimawaka mathathu.

6. Wenza izitya zokuhlambela zalishumi; wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanywe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.

7. Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo.

8. Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekholo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.

9. Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu.

10. Walubeka ulwandle ngecala lasekunene layo indlu, lwabheka ngasezantsi.

11. UHuram wenza iimbiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza.UHuram wagqiba ukuwenza umsebenzi, abewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 4