Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 36:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.

12. Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.

13. Kananjalo wagwilika kukumkani, kuNebhukadenetsare, obemfungise uThixo; waba ngontamo ilukuni, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze angabuyeli kuYehova, uThixo wakwaSirayeli.

14. Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.

15. UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.

16. Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.

17. Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, àkaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.

18. Zonke iimpahla zendlu kaThixo, ezinkulu nezincinane, nobuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bokumkani, nobabathetheli bakhe, zonke ezo zinto wazisa eBhabheli.

19. Bayitshisa indlu kaThixo, baludiliza udonga lwaseYerusalem, bawatshisa ngomlilo onke amabhotwe ayo; bazitshabalalisa zonke iimpahla zayo ezinqwenelekayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 36