Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 36:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi, unyana kaYosiya, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.

2. UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu engukumkani eYerusalem.

3. Ukumkani waseYiputa wamguzula eYerusalem, walihlawulisa ilizwe ikhulu leetalente zesilivere* netalente yegolide.*

4. Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. UNeko wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 36