Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 36:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi, unyana kaYosiya, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.

2. UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu engukumkani eYerusalem.

3. Ukumkani waseYiputa wamguzula eYerusalem, walihlawulisa ilizwe ikhulu leetalente zesilivere* netalente yegolide.*

4. Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. UNeko wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.

5. UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Wenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.

6. Wenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wameyisa, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba amse eBhabheli.

7. UNebhuka denetsare wayisa inxenye yempahla yendlu kaYehova eBhabheli, wayibeka etempileni yakhe eBhabheli.

8. Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

9. UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.

10. Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.

11. UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 36