Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 35:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UKonaniya noShemaya, noNataniyeli, abazalwana bakhe, noHashabhiya, noYehiyeli, noYozabhadi, abathetheli babaLevi, babarhumela abaLevi amawaka amahlanu amatakane angawepasika, namakhulu omahlanu eenkomo.

10. Yalungiswa ke inkonzo leyo; bema ababingeleli ezindaweni zabo, abaLevi emaqeleni abo, ngokomthetho wokumkani.

11. Bayixhela ipasika; ababingeleli bathabatha igazi ezandleni zabo, balitshiza, abaLevi bahlinza.

12. Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.

13. Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.

14. Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli; ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.

15. Iimvumi, oonyana baka-Asafu, zibe zisezindaweni zazo ngokomthetho kaDavide, noAsafu, noHeman, noYedutun imboni yokumkani; nabamasango emasangweni ngamasango babengesuki enkonzweni yabo; ngokuba abazalwana babo abaLevi babebalungisela.

16. Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 35