Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 34:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile; abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.

13. Babephethe abathwali bemithwalo, bebongamele bonke abasebenzi bomsebenzi ngomsebenzi; abanye abaLevi babengababhali namagosa nabamasango.

14. Ekuyikhupheni kwabo imali ebiziswe endlwini kaYehova, uHilekiya umbingeleli wayifumana incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 34