Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 33:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.

7. Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade,

8. ndingaphindi ndilususe unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawumisela ooyihlo; kodwa mababe bayakugcina ukukwenza konke endibawisele umthetho ngako, ngokomyalelo wonke nemimiselo namasiko, ngesandla sikaMoses.

9. Ke uManase wawalahlekisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ukuba benze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

10. UYehova wathetha kuManase nakubantu bakhe; àbaphulaphula.

11. UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli.

12. Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise.

13. Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo.

14. Emveni koko wákha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda.

15. Wabasusa oothixo bolunye uhlanga nemifanekiso endlwini kaYehova, nezibingelelo zonke abezakhé entabeni yendlu kaYehova, naseYerusalem; waziphosa ngaphandle komzi.

16. Wákha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 33