Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 33:21-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem.

22. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.

23. Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala.

24. Abakhonzibakhebamceba, bambulala endlwini yakhe.

25. Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bemenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 33