Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 33:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. UYehova wathetha kuManase nakubantu bakhe; àbaphulaphula.

11. UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli.

12. Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise.

13. Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo.

14. Emveni koko wákha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda.

15. Wabasusa oothixo bolunye uhlanga nemifanekiso endlwini kaYehova, nezibingelelo zonke abezakhé entabeni yendlu kaYehova, naseYerusalem; waziphosa ngaphandle komzi.

16. Wákha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli.

17. Abantu bebesabingelela noko ezigangeni; kodwa babingelela ke kuYehova uThixo wabo yedwa.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 33