Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 32:9-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Emveni koko uSaneribhe ukumkani waseAsiriya wathumela eYerusalem abakhonzi bakhe (yena engaseLakishe, enabalawuli bakhe bonke), kuHezekiya ukumkani wakwaYuda, nakumaYuda onke aseYerusalem, esithi,

10. Utsho uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Nikholosé ngantoni na, nihleli nje ekungqingweni eYerusalem?

11. Àkanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

12. AsinguHezekiya na lo uzisusileyo izigànga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?

13. Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Bába nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?

14. Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bàzisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?

15. Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.

16. Babuya bathetha abakhonzi bakhe ngoYehova uThixo, nangoHezekiya umkhonzi wakhe.

17. Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.

18. Bámemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.

19. Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.

20. Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.

21. UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neengànga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.

22. UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.

23. Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.

24. Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 32