Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 32:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.

25. Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.

26. Wazithoba uHezekiya ekuphakameni kwentliziyo yakhe, yena nabemi baseYerusalem; àbabafikela ngemihla kaHezekiya uburhalarhume bukaYehova.

27. UHezekiya ubenobutyebi nozuko olukhulu kunene, wazenzela izindlu zobuncwane besilivere, nobegolide, nobamatye anqabileyo, nobobulawu, nobeengweletshetshe, nobeempahla zonke ezinqwenelekayo,

28. noovimba bendyebo yengqolowa, neyewayini, neyeoli, nezitali zeentlobo zonke zeenkomo, nezibaya zemihlambi.

29. Wazenzela imizi yabalusi bemfuyo yempahla emfutshane, neyeenkomo ezininzi; ngokuba uThixo ubemnike impahla eninzi kunene.

30. UHezekiya lo walivala ithende eliphezulu lamanzi aseGihon, wawahambisa ngaphantsi, esinga ngasentshonalanga komzi kaDavide.UHezekiya waphumelela emsebenzini wakhe wonke.

31. Kodwa ke emcimbini wabathunywa abangamakhumsha, abathetheli baseBhabheli, ababethunyiwe kuye, bebuzisa ngesimanga esabakho ezweni lakhe, uThixo wamshiya, ukuba amlinge, ákwazi konke okusentliziyweni yakhe.

32. Ezinye izinto zikaHezekiya, nokwenza kwakhe ngenceba, nanko kubhaliwe embonweni kaIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.

33. UHezekiya walala kooyise; bamngcwabela endulini yamangcwaba oonyana bakaDavide. Amzukisa ekufeni kwakhe amaYuda nabemi baseYerusalem. UManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 32