Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 32:18-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bámemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.

19. Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.

20. Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.

21. UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neengànga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.

22. UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.

23. Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.

24. Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.

25. Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 32