Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 32:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emveni kwezi zinto noku kunyanisa, weza uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, walingenela elakwaYuda, wangqinga imizi enqatyisiweyo; wathi uya kuzigqobhozela.

2. Wathi uHezekiya, akubona ukuba uyeza uSaneribe, ubuso bakhe ebubhekise ekulweni neYerusalem,

3. wacebisana nabathetheli bakhe namagorha akhe, ukuba bawavale amanzi emithombo engaphandle komzi; bamnceda ke.

4. Kwabuthelana abantu abaninzi, bawavala onke amaso emithombo, nomlanjana obuqukuqela phakathi kwelizwe; bathi, Yini na ukuba ookumkani baseAsiriya beze bafumane amanzi amaninzi?

5. Wazomeleza, walwakha lonke udonga olwaludiliziwe, wenyusa iinqaba ezinde phezu kwalo, wákha nolunye udonga ngaphandle, wayiqinisela iMilo yomzi kaDavide, wenza izikhali neengweletshetshe ezininzi.

6. Wamisa abathetheli bemfazwe phezu kwabantu; wababuthela kuye endaweni yembutho yasesangweni lomzi, wathetha kakuhle nabo, wathi,

7. Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.

8. Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.

9. Emveni koko uSaneribhe ukumkani waseAsiriya wathumela eYerusalem abakhonzi bakhe (yena engaseLakishe, enabalawuli bakhe bonke), kuHezekiya ukumkani wakwaYuda, nakumaYuda onke aseYerusalem, esithi,

10. Utsho uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Nikholosé ngantoni na, nihleli nje ekungqingweni eYerusalem?

11. Àkanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

12. AsinguHezekiya na lo uzisusileyo izigànga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?

13. Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Bába nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?

14. Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bàzisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 32