Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 31:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.

8. Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.

9. Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.

10. Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, sidé sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.

11. Wathi uHezekiya, Makulungiswe amagumbi endlwini kaYehova;

12. bazilungisa ke, bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo.Umphathi wazo ibiyingànga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;

13. noYehiyeli, noAzaziya, noNahati, noAsaheli, noYerimoti, noYozabhadi, noEliyeli, noIsemakiya, noMahati, noBhenaya, bengabaveleli phantsi kwesandla sikaKonaniya noShimehi umninawa wakhe, ngommiselo kaHezekiya ukumkani, noAzariya ingànga yendlu kaThixo.

14. UKore unyana kaImna, umLevi, ongowesango lasempumalanga, ubemele iminikelo kaThixo yabaqhutywa yintliziyo, ukuba awabe umrhumo kaYehova nezinto eziyingcwele kanye.

15. Ngaphantsi kwesandla sakhe ibinguEden, noMinyamin, noYeshuwa, noShemaya, noAmariya, noShekaniya, emizini yababingeleli, ngokunyanisa, ukuba babele abazalwana babo ngamaqela, abakhulu kwanjengabancinane;

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 31