Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 31:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ngaphantsi kwesandla sakhe ibinguEden, noMinyamin, noYeshuwa, noShemaya, noAmariya, noShekaniya, emizini yababingeleli, ngokunyanisa, ukuba babele abazalwana babo ngamaqela, abakhulu kwanjengabancinane;

16. iyodwa into eyindoda ebhalwe emilibeni yokuzalwa, ethabathele kominyaka mithathu ezelwe kwenyusa, kubo bonke abangenáyo endlwini kaYehova ukwamkela into yemini, ngangemini yayo, yomsebenzi wabo, ezigxineni zabo ngokwamaqela abo.

17. Ukubhalwa kwababingeleli emilibeni yokuzalwa kube kungokwezindlu zooyise; nabaLevi bebesezigxineni zabo ngokwamaqela abo, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe kwenyusa;

18. ukuba kwabelwe iintsatshana zabo zonke ezibhaliweyo emilibeni yokuzalwa, abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, kwibandla lonke. Ngokuba ngokunyanisa kwabo bazingcwalisa ke ngezinto ezingcwele.

19. Nangenxa yoonyana baka-Aron ababingeleli, ababesemhlabeni wamadlelo emizi yabo, emizini ngemizi yonke, kube kukho amadoda axeliweyo ngamagama, okuyabela izabelo into yonke eyindoda kubabingeleli, nabo bonke ababhaliweyo emilibeni yokuzalwa kubaLevi.

20. Wenjenjalo uHezekiya kumaYuda onke; wenza okulungileyo, nokuthe tye, nokunyanisileyo, phambi koYehova uThixo wakhe;

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 31