Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 30:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.

14. Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.

15. Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesiné usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.

16. Bema endaweni yabo ngokwesiko labo, ngokomyalelo kaMoses umfo wakwaThixo; ababingeleli balitshiza igazi layo ipasika, belithabatha esandleni sabaLevi;

17. ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga. AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;

18. ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga.

19. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo angamxolela elowo uyibhekisé intliziyo yakhe ekumquqeleni uThixo uYehova, uThixo wooyise, nakuba kungengokwentlambululo yendawo engcwele.

20. UYehova wamva uHezekiya, wabaphilisa abantu.

21. Oonyana bakaSirayeli bafunyanwáyo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa uYehova.

22. UHezekiya wathetha kakuhle nabo abaLevi bonke, ababenokuyiqonda kakuhle inkonzo kaYehova. Bádla ke umthendeleko imihla esixhenxe, bebingelela imibingelelo yoxolo, bebulela kuYehova uThixo wooyise.

23. Ibandla lonke lacebisana ukwenza nesinye isixhenxe semihla; basenza ke isixhenxe semihla, bevuya.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 30